Philippians 1:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kupela ke, ukuzipata kwenu makube kokufanele ivangeli ka‐Kristu; uknze nditi, nokuba ndiyeza ndinibone, nokuba ndihlala ndingeko, ndikuve okwenu, ukuba nimi emoyeni mnye, nizamela ukolo lwevangeli kwa kunye ngentliziyo nye,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke ukuhlala kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze, nokuba ndifikile ndanibona, nokuba andifikanga, ndizive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, ngamphefumlo mnye, nilwela inkolo yeendaba ezilungileyo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuphela nje ihambo yenu mayibe njengokufanele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu; ukuze, nokuba ndithe ndeza kunibona, nokuba ndingekhoyo, ndive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, nicinga nto-nye, nizama ukholo lwenu, ivangeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ziphatheni ngendlela engqinelana neendaba ezingoKrestu. Nokuba ndizile ndanibona, okanye ndiyeva nje ngani, mandive ukuba nimi ngxishi moyeni mnye, ninenjongo enye yokuncedisana, nisilwela ukuthotyelwa kweendaba ezingoKrestu.