Philippians 1:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa njengokuba kufanelekile kum ukuba ndikumbule oku ngani nonke, ngenxa yokuba ndinani entliziyweni yam; nina nonke nje, nasekubanjweni kwam, nakuko ukutetelela nokuqinisa ivangeli, ningababelwa kolwam ufefe kunye nam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengokuba ndilungisa ukucinga oko ngani nonke, ngenxa yokuba nikum entliziyweni, nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
njengokuba kufanelekile ukuba ndicinge oku ngani nonke, ngokuba nikum entliziyweni; nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nina kum nihlala nisenyongweni; yiyo ke le nto ndinyanzelekile ukuba ndinithathe ngolu hlobo. Kaloku nani niyixhamle inyhweba endiyinikwe nguThixo, ngoku kanye ndisentolongweni, naxa iindaba ezingoKrestu ndizilwelayo ndizimela kananjalo.