Philippians 2:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ke, bazalwana bam! njengokuba nibe nilulamile ngamaxesha onke, kungabi njengokuya ndikoyo kodwa, kube kaloku kakulu ngakumbi okuya ndingekoyo, fezani olwenu usindiswa ninokwoyika nokututumela:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; ningangi nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, manibe kukhona nenjenjalo Xa ndingekhoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nani ke, zihlobo zam, njengoko nihlala nimthobela uThixo xa ndilapho, nangoku ke kubaluleke ngakumbi ukuba nimthobele nokuba ndikude. Lufezekiseni usindiso enilunikwe nguThixo, ninembeko nentlonipho.