Philippians 2:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze nibe ningenatyala, ningenamaqokolo, nilusapo lukatixo olungohlwayekiyo, pakati kwaso isizukulwana esigoso nesigwenxa, eniti pakati kwabo nibonakale njengezikanyiso elizweni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze nibe ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; nibe ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala esazulwini sesizukulwana esigoso, esigwenxa; enithi phakathi kwabo nibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini, nibambelele elizwini lobomi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze nibe ngabantwana bakaThixo abangenakusoleka, abangenatyala phakathi kohlanga olujijekileyo, olugwenxa, enikhanya phakathi kwalo njengezikhanyiso ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni,