Philippians 2:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ngenxa yomsebenzi ka‐Kristu wasondela kwada kwasekufeni, enganonelelanga ubomi bake, ukuze akwenzelele ukusweleka kwenkonzo yenu ngakum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, ebenza isichenge ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, engabucongi ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba yena obakhe ubomi uphantse ukwahlukana nabo ngenxa yemicimbi kaKrestu, ebubeke esichengeni ukuze andincede apho beningenakundinceda khona nina.