Philippians 3:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungekukuba ndise ndifumene, umhlaumbi ndise ndifezekisiwe; kodwa ndisaputuma, ukuba ndingati kanjalo ndikubambe oko endandibanjelwa kona kanjalo ngu‐Kristu Yesu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakuganga na nokukuganga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asikuko nokuba ndithi sendiphumelele, okanye sendigqibelele, nto nje ndihlala ndixhinele phambili, ndizabalazela ukuba kubekho lutho ndiluzuzayo, kuba nam ndazuzwa nguKrestu Yesu.