Philippians 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai gxebe okunene nditi kanjalo ndizibala zonke ukuba zisisilahleko ngenxa yendluliselo yokwaziwa kuka‐Kristu Yesu inkosi yam; endalahlekelwa zizinto zonke ngenxa yake, nendizibala ukuba ziyinkunkuma, ukuze ndizuze u‐Kristu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu asizizo zodwa, koko yonke into ndiyithatha njengelahleko mpela, kuba zonke izinto zigqithwa kude lee yinzuzo yokwazana noYesu Krestu iNkosi yam. Ndalahla yonke into ngenxa yakhe. Into yonke ndiyithatha njengomgquba ngenxa yokufuna ukuzuza uKrestu.