Philippians 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ndavuya enkosini kakulu, ukuba kaloku nide nabuya nahluma ukundinonelela kwenu; enibe ninyamekela kwa kona, kodwa nibe ningenalo ituba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enikuxhalabeleyo ke, koko naniswele ithuba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndimanyene neNkosi, yaye ndivuya gqitha kuba emva kwethuba elingaka kuphinde kwabalasela ukundikhathalela kwenu. Phofu kakade nanindikhathalele, koko niswele ithuba.