Philippians 4:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako niyazi nani, ma‐Filipi! ukuba ekuqalweni kwevangeli, okuya ndemkayo e‐Masedoniya, akwabako nanye iṙemente eyabelana nam ngendawo yokupa nokwamkela, kupela nina nedwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yayinini nodwa kakade enandincedayo, bantu baseFilipi, njengoko nani nisazi. Kuwo onke amabandla ethu nini kuphela enanijongene neendleko kunye nengenelo yam kwamhla ndaqalisa ukuhambisa iindaba ezimnandi, ndisuka eMakedoni.