Philippians 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe ndiyakutandaza nawe, sinxulumane senyaniso! ukuba ubancede aba bafazi, ekubeni bazamayo kunye nam evangelini, ndawonye naye no‐Kilemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.