Proverbs 1:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba kade kangakananina, zidenge! niya kutanda ubudenge, nabagxeki bazinqwenele ukugxeka, namageza atiye ukwazi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziyatha, kunini na ningàzi? Ngaba abagxeki bakunanzile ukugxeka; Izinyabi zithiya ukwazi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni? Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa? Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?