Proverbs 17:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa ihilihili, lakuti cwaka, liyabalwa ngokuba lilumko, n ovingcayo umlomo wake, ngokuba ngonokuqonda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko;Singawuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwanesidenge, xa sathe cwaka, kuthiwa sisilumko; nalowo uwuvalayo umlomo wakhe ugqalwa njengonengqondo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha; kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.