Proverbs 20:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa umntwana uyaziwa ngezenzo zake, nokuba ungcwele, nokuba ulungile, umsebenzi wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo, Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwanenkwenkwe iyaziwa ngezenzo zayo, ukuba kuqaqambile na, nokuba kubulungisa na, nokuba kunyulu, kusini na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nditsho kwaumntwana waziwa ngokuziphatha kwakhe – zizinto azenzayo ezixela ukusulungeka nokuthi ngqo kwesimilo sakhe.