Proverbs 23:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina onobuhlungu? ngubanina onosizi? ngubanina onamapike? ngubanina onokukalaza? ngubanina onamanxeba kungeko tuba? ngubanina onobubomvu bamehlo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani onelishwa? ngubani uxolo? Ngubani na ophikayo, uthetha ngubani na? Ngubani na onamanxeba ngelize? ngubani onamehlo abomvu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala, osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza; nditsho ofumana enzakale nje ngelize, umntu ongafik' etyofu-tyofu amehlo?