Proverbs 23:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woti ke: Bandibatyule, andivanga ubuhlungu; bandibetile, ndibe ndingazi ke: ndiya kuvuka ninina? ndopinda ndiyifune kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuthi, Bandibetha, andizange ndigule; Bandibetha, andakuva; Ndizovuka nini ndiphinde ndiyijonge?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kubuza uthi: “Ingathi ndibethiwe nje phofu? Hayi suka, ndingakhange ndive nje! Akwaba bendinganako ukuphinda ndiphakame, khe ndithi nje intwana ndiziqabule!”