Proverbs 23:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wobekisa amehlo ako ngakubo na, bungeko nje? ngokuba ngenyamiso buzenzela amapiko; bubaleka njengokozi ngasezulwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba uyathanda ukubeka amehlo akho kwindawo ephosakeleyo? Kuba okunene ubutyebi benza amaphiko; ziphaphazela njengexhalanga esibhakabhakeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo; ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.