Proverbs 24:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa utshoyo ukuti: Bona ke, besingakwazi oku; olinganisa intliziyo, akaqondi na yena? ogcinayo umpefumlo wako, akazi na yena? kanjalo akayi kuvuza abantu njengokwemisebenzi yabo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe, Yabona, besingakwazi oko; Ngaba uyayiqwalasela into ecingwa yintliziyo? kanti lowo uwugcinayo umphefumlo wakho akazi? Akayi kumbuyekeza elowo ngokwemisebenzi yakhe na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,” kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso – ukujongile, yaye uyakwazi. Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.