Proverbs 24:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ilishwa labo liya kuvuka ngebaqo; nentshabalaliso yabo bobabini, ngubanina oyaziyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba iya kubonakala kwangoko intlekele yabo; Ngubani na olaziyo isiphelo sabo bobabini?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bona babhanga ngephanyazo, ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.