Proverbs 25:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Unganxameli ukupuma ukuya kupika, hleze uyenze into ekupeleni kwako, nxa ummelwane wako akudanisileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukuphuma ungxamile, ukuya ekubambaneni nomnye, Hleze kuthiwe, Wothini na emveni koko? Xa kaloku akuhlazileyo ummelwane wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukungxamela ingxabano, hleze ukwazi oko uya kukwenza ekupheleni kwako, ukuba uthe wakudanisa ummelwane wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sukungxamela enkundleni ngento oyibonileyo, hleze kuvele omnye umntu nabungqina bumbi, utsho uhlazeke ke wena.