Proverbs 28:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Olahlekisa abalungisayo baye endleleni yobubi, uya kweyela yena kwa sesihogweni sake; kodwa abayinene bodla ilifa lokulungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi, Kuya kweyela yena esihogweni sakhe, Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Olahlekisa ilungisa ngendlela embi, uya kweyela esihogweni sakhe; ke wona amalungisa aya kukudla ilifa okulungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu owexulela amalungisa ekwenzeni ububi uya kweyela kwakuloo mgibe wakhe, kanti ke bona abamsulwa baya kukudla ilifa okulungileyo.