Proverbs 29:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuti kwakwanda abakohlakeleyo, kwande ukwona; kodwa abalungileyo bokangela ukuwa kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekwandeni kongendawo kuyanda ubutshinga, Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono, kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.