Proverbs 30:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina onyukeleyo ezulwini, nohlileyo kona? Ngubanina owubutileyo umoya ezandleni zake? Ngubanina obopileyo amanzi engutyeni? Ngubanina oqinisileyo onke amancam omhlaba? Ngubanina igama lake, ngubanina negama lonyana wake, ukuba uyalazi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla? Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe? Ngubani na obophe amanzi engutyeni? Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi?Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na owenyuka waya emazulwini okanye wehla? ngubani na owahlanganisa umoya ngamanqindi? Ngubani na osongele amanzi engutyeni? Ngubani na otywine zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla; ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya? Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe; ingubani khona owamisa imida yehlabathi? Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi! Ngubani igama lakhe; ingubani unyana wakhe?