Psalms 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubonile noko; ngokuba wena ugqala ubunzima nenkatazo, ukuze upindezele ngesandla sako; olusizi uyazilahlela kuwe; ungumncedi wenkedama wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona; ngenxa enokuba ubona ububi nobubi ukuba ububuyisele ngesandla sakho; amahlwempu azinikela kuwe; ungumncedi wenkedama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, wena uzijongile wazibona iintlupheko neentsizi, khon' ukuze ulungele ukusisiza. Ewe, zibalekela kuwe nazo iindwayi, wena ongumncedi weenkedama.