Psalms 116:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ke, Yehova! ngenyaniso ndisisicaka sako; ndisisicaka sako, kwa unyana wesicakakazi sako: uzicumbulule izinxibo zam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho, Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho; Uzicombulule iimbophelelo zam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho; Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho; Undikhulule kwiintambo zam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho; ewe, ndingunyana wesicakazana sakho; ndilapha nje ndakhululwa nguwe.