Psalms 118:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova ungecala lam pakati kwabo bandincedayo; ngako ndiya kukangela pezu kwabanditiyayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova ungakum ngokundinceda; Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kusithabatha isabelo sam kwabandincedayo; ke ngoko ndiya kuwubonisa umnqweno wam kwabo bandithiyileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda; ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.