Psalms 131:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso ndilungiselele ndatutuzela umpefumlo wam, njengomntwana okunyulweyo kunina! umpefumlo wam pakati kwam unjengomntwana okunyulweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, ndiwuzolise ndawuthozamisa umphefumlo wam;Unjengomntwana olunyulweyo, ehleli kunina; Unjengomntwana olunyulweyo umphefumlo wam kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndazinqanda, ndathi tu, njengomntwana olunyulweyo kunina; umphefumlo wam unjengomntwana olunyulweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile. Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina; ngenene umoya wam uphuphuma ukwanela.