Psalms 137:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kwa lapo abo basitimbileyo babiza kuti amazwi eculo; nabo basipangileyo babiza kuti umgcobo, besiti: Sivumeleni kwamaculo ase‐Ziyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba apho babesibambe khona, babiza kuthi ingoma; kwaye abo basitshabalalisayo bafuna ulonwabo lwethu, besithi: Siculele ingoma yaseZiyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abo babesithimbile suka bathi: “Khanisonwabise ngengoma; khanihlabele enye kwezaseZiyon.”