Psalms 142:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa umoya wam ubucubukile pakati kwam, wandula wayazi wena indlela yam. Endleleni endihamba ngayo, bandifihlele isibata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekutyhafeni komoya phakathi kwam, Uyayazi wena ingqushu yam. Emendweni endihamba ngawo Bandiqhushekela isibatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekutyhafeni komphefumlo wam phakathi kwam, wayeyazi yena indlela yam; Ndathi ndihamba nje, bandithiyela ngokufihlakeleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam. Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.