Psalms 142:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ku̔pa umpefumlo wam entolongweni, ndize ndidumise igama lako: abalungileyo baya kundipahla, nxa uya kundivuza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wukhuphe entolongweni umphefumlo wam, Ndibulele kwigama lakho. Amalungisa aya kuzithi jize ngesithsaba ngenxa yam, Ngokuba undiphethe kakuhle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wukhuphe entolongweni umphefumlo wam, Ndibulele kwigama lakho; Amalungisa aya kundirhawula; ngokuba uya kundenzela inceba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndikhulule kula makhamandela, ukuze ndilibonge igama lakho. Amalungisa aya kundiphahla, kuba wena undithamsanqele.