Psalms 144:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ububele bam, nenqaba yam; inyango yam, nomkululi wam; ikaka lam, nonditemba yena; obeyisayo abantu bam pantsi kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unceba yam, umboniselo yam, Ungxonde yam, umsindisi wam, mna lo; Ungweletshetshe yam, undizimela ngaye; Ulonyathelela abantu bam phantsi kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukulunga kwam nenqaba yam; inqaba yam ephakamileyo, umsindisi wam; Ingweletshetshe yam, ndikholose ngaye; owabathobayo abantu bam phantsi kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena ulixhadi nenqaba yam, umqolomba nomhlanguli wam, umkhuseli endincathama ngaye. Izizwe uzifaka phantsi kwam.