Psalms 18:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam; utixo wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, n enyango yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizimela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova liliwa lam, igwiba lam, umsindisi wam; Thixo wam, liwa lam endizimela ngaye; Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, nenqaba yam ephakamileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam. Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile. Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.