Psalms 2:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yangani unyana, hleze aqumbe, nibube endleleni; ngokuba iya kuhla ivute ingqumbo yake. Banetamsanqa bonke abatemba yena!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mangeni uNyana, hleze aqumbe, atshabalale endleleni, Ukuba uvutha umsindo wakhe umzuzwana. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khahlelani kuye unyana ngentobeko, hleze aniqumbele nitshabalale endleleni; kaloku umsindo wakhe uyakhawuleza. Hayi uyolo lwabo bonke abazimela ngoNdikhoyo!