Psalms 24:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esi sisizukulwana sabo bambuzelayo; sabo bafuna ubuso bako, Tixo ka‐Yakobi! Sela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo, Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi.(phakamisani.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siso esi isizukulwana sabakufunayo, abafuna ubuso bakho, Yakobi. Sela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo, abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.