Psalms 30:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko uncedo lwanina egazini lam, ndakuhlela emnxunyeni? utuli lwokudumisa na? lwoshumayela inyaniso yako na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye emhadini? Luya kukudumisa uthuli na? iya kuthetha inyaniso yaKho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala? Lunganako na ukukudumisa uthuli? Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?