Psalms 31:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ubomi bam bugqityelwe lusizi, neminyaka yam kukugula; amandla am ayapela ngenxa yobubi bam; amatambo am onakele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam, Neminyaka yam kukuncwina; Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam, Namathambo am aluphele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ubomi bam buzele yimbandezelo, Neminyaka yam iyancwina;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziyandaluphaza iinkxwaleko zam, nemihla yam iphelela ekungcungcuthekeni. Ndiphelelwe ngamandla ngenxa yeentlupheko, namathambo am selegugile.