Psalms 31:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yentshaba zam zonke ndibe ndisigxekwa, nakakulu ke kubamelwane bam, nesoyikeko kwabo bandaziyo: abo bandibonayo pandle bandibaleka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo, Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo; Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaba sisingcikivo phakathi kweentshaba zam zonke, Ngokukodwa kubamelwane bam; bandibaleka abandibona ndingaphandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyintlekisa kwiintshaba zam, isigculelo kubamelwane bam. Abandaziyo bayandoyika, bandibaleke, xa badibana nam esitalatweni.