Psalms 31:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndivile ukuhleba kwabaninzi; ukwoyika bekungamacala onke; nxa bebecebana ngakum, benza ngeqinga lokundihluta ubomi bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi, Ukunxunguphala ngeenxa zonke. Ekugquguleni kwabo ngam, Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi, yathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke; njengoko babhunga ngam, Babhunga ukuthabatha umphefumlo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndiyivile intlebendwane yabanye; kuthe saa luloyiko macal' onke, lo gama bandenzela amayelenqe, beceba ukundibulala.