Psalms 31:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndibe ndite ekunxameni kwam: Ndinqanyulwe ebusweni bamehlo ako; kanti ubusiva ilizwi lezikungo zam, ndakulilela kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna ndathi ekuphakuzeleni kwam, Ndinqanyulwe andabakho emehlweni akho. Waliva noko izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndathi mna entliziyweni yam, Ndinqanyulwe phambi kwamehlo akho; waliva ilizwi lomthandazo wam ekudandulukeni kwam kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukothuka kwam ndathi ndilahlelwe kude nawe, kodwa wandiva ndakuzibika kuwe.