Psalms 35:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amatambo am onke oti: Yehova! ngubanina onjengawe? wena ukululayo olihlwempu komandla makulu kwawake, ewe, olihlwempu nosweleyo kulowo umpangayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe, Mhlanguli wosizana kowomeleleyo kunalo, Kwausizana nehlwempu kumxhakamfuli walo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe, umsindisi wosizana kowomeleleyo kunalo, usizana nosizana kwabambano lwalo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndothi ngomxhelo wonke: “Akakho onjengawe, Ndikhoyo.” Wena uhlangula iindwayi kwabanamandla kunazo, ukhusele indwayinge kubacinezeli.