Psalms 36:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubulungisa bako bunjengentaba zikatixo; izigwebo zako ziyinzulu enkulu: uyalondoloza abantu nenkomo, Yehova!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubulungisa bakho bunjengeentaba zikaThixo; Izigwebo zakho zingamanzi enzonzobila; Usindisa umntu neenkomo, Yehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubulungisa bakho bunjengeentaba ezinkulu; Zinzulu kakhulu izigwebo zakho; Yehova, uyamkhusela umntu nesilwanyana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba; zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho. Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.