Psalms 37:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova etanda okufaneleyo; akashiyi abangcwele bake; bayagcinwa kude kube ngunapakade bona, kodwa inzalo yabakohlakeleyo iyanqanyulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni, Angabashiyi abenceba bakhe; Bagciniwe ngonaphakade: Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni, Angabashiyi abo bamthandayo; Ke yona imbewu yongendawo iya kutshabalala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo; akayi kubafulathela abantu bakhe. Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo, kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.