Psalms 39:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa uti, ngenxa yenkohlakalo, umluleke umntu ngezohlwayo, uyonakalisa ubuhle bake njengenundu: ngenyaniso bonke abantu bakokungendawo. Sela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakumthethisa umntu ngenxa yobugwenxa, Nobuhle bakhe buphela njengengxokolo; Eneneni, wonke umntu akanaxabiso. Sela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono. Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo. Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.