Psalms 39:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiva umtandazo wam, Yehova! unike indlebe ekukaleni kwam; zungati cwaka ezinyembezini zam; ngokuba ndingowasemzini ndikuwe nje, ndingumpambukeli njengobawo bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, wubekele indlebe umthandazo wam, ukubekele indlebe ukutarhuzisa kwam; Musa ukuthi cwaka kwiinyembezi zam; ngokuba ndingumphambukeli kuwe, ndilundwendwe njengooyihlo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam; ndive, ndakuzibika kuwe. Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe, kuba ndiselugcinweni lwakho, nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.