Psalms 39:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, imihla yam nyenze njengobubanzi besandla: nexesha lam linjengokungento pambi kwako: ngenyaniso bakokungendawo kupela bonke abantu bemi nje. Sela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; iminyaka yam ayinto yanto phambi kwakho; inene, wonke umntu ngamampunge awakhe amandla. Sela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu; àyinto konke kuwe imihla yobomi bam; umntu ufana nomphunga nje kuwe.