Psalms 39:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso umntu uyahamba njengesitunzi: ngenyaniso bafumana benesitukutezi: uyafumbela indyebo, kanti akamazi oya kuzamkela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inene, wonke umntu uhamba nomyalezo ongento; ewe, bakhwankqiswe ngamampunge; ehlanganisa ubutyebi, akazi nokuba ngubani na oya kububutha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu; ubila esoma nje ngenxa yelize; uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.