Psalms 4:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yazini kodwa ukuba uyehova uzahlulele obedeshayo: uyehova uya kuva, ndakubiza kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yazini ke ukuba uYehova uzibalulele owenceba; UYehova uyaphulaphula ndakudanduluka kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazini ke ukuba uYehova umthambisile ilungisa; uYehova uya kuva xa ndimbiza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe; uyandiva xa ndizibika kuye.