Psalms 4:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kunye, ndiya kulala pantsi, ndilale ubutongo, ngokwonwaba: ngokuba enguwe wedwa, Yehova! ondihlalisayo ekunqabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kulala phantsi, ndilale ubuthongo kwangoku, ndixolile, Ngokuba wena, Yehova, undihlalisa ndikholosile, noko ndindedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulala phantsi ndixolile, ndilale ubuthongo, kuba wena, Yehova, nguwe wedwa ondivumela ukuba ndihlale ngoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale; nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.