Psalms 40:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mabati bonke abo bafuna wena bagcobe bavuye ngawe: mabati abo batanda usindiso lwako bahlale besiti: Makenziwe mkulu uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo, Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi, Makenziwe mkhulu uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo; mabahlale bathethe abaluthandayo usindiso lwakho, besithi, Makabe mkhulu uYehova!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abakulangazelelayo mabavuye bagcobe ngawe; abaluthandayo usindiso lwakho mabangaphezi ukuthi: “Huntshu – uyingangalala uNdikhoyo!”