Psalms 44:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wagxota abaheyideni ngesandla sako, wabatyala obawo; wazicita intlanga, watwabulula bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okokuba isandla sakho sagqogqa iintlanga, sabatyala bona;Saviva izizwe, sabanabisa bona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oko wazigqogqayo iintlanga ngesandla sakho, wabatyala bona; owabacinezelayo, wabagxotha abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena wazigxotha iintlanga, waza bona abantu bakho wabamilisela elizweni lazo. Wazitshutshisa iintlanga waza bona abakho wabathi jize ngenkqubela.