Psalms 44:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bengazuzanga ilizwe ngelabo iṙele, neyabo ingalo ayibasindisanga; besisisandla sako sokunene, nengalo yako, nokukanya kwobuso bako, ngokuba ububakolela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba abalihluthanga ilizwe ngekrele labo, Abazisindisanga ngengalo yabo; Sisandla sakho sokunene, nengalo yakho, nokukhanya kobuso bakho; Ngokuba wawunesisa kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba abazange balidle ilifa ilizwe ngekrele labo, nesandla sabo asibasindisanga, kodwa isandla sakho sasekunene nesandla sakho nokukhanya kobuso bakho, ngenxa yokuba wawunenceba kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali, bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo; koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.